top of page

Ingoma Yokuqala Umzimba wam
                                                 Ngumzimba wam 

Iinjongo zalengoma:

Ukufundisa abantwana ukuba imizimba yabo yeyabo yaye akekho onelungelo

lokubahlukumeza okanye abachukumise kumalungu abo angasese.

Okokuqala, cacelwa ukuba lamalungu omzimba agqunywe ngempahla yangaphantsi zezabo, hayi omnye umntu.Kubalulekile ukuba abantwana bacaciselwe ukuba kungabakhona amaxesha apho abazali okanye abangcini babo kunganyanzeleka ukuba babachukumise kumalungu abo angasese, nantsi imizekelo:

 

a)Bangaphathwa ngabazali okanye umgcini xa bebahlamba kodwa xa bekhulile kumele bazincede ngokwabo
 

​b)Abazali okanye abagcini bantwana xa kufuneke besebenzise amayeza kwezondawo zinqabileyo nezigqunyiweyo. Qinisekisa ukuba le yinto eyenziwa kuphela ngabazali okanye abagcini bantwana, yaye ukuba umntwana uyaqonda ukuba akaziva kamnandi ngokuchukunyiswa kwezindawo zinqabileyo nangabo ababantu, kufanelekile ukuba aboniswe ukuba lamayeza asetyenziswa njani ukuze akwazi ukuzinceda.
 

​c)Ugqirha kunganyanzeleka ukuba achukumise amalungu angasese ukuba umntwana uyagula okanye uyaqaqanjelwa, kodwa uMama, uTata okanye umgcini wontwana kungafuneka abekhona xa ugqirha kunyanzelekile ukuba achukumise kwezindawo.

Khuphela ukufundisa .pdf

Ngokubanzi, makungenzeki nangaliphi na ixesha ukuba kuphatha-phathwe amalungu angasese abantwana. Eyona nto ebalulekileyo kukuba abantwana bazi ukuba kulungile ukuthi “HAYI” ukuba umntu wenza mntwana lowo angaziva kakuhle okanye umnyanzela ukuba enze into ayaziyo ukuba ayilunganga. Xhobisa abantwana ngokubazisa ukuba imizimba yabo yeyabo qwaba. Kwesisithuba akukho mfuneko yokuba kungenwe nzulu kwii nkcukhacha zokuxhatshazwa ngokwesondo kwabantwana abancinane.

 

Uxhaphazo ngokwesondo lusenokwenziwa nazizizalwane okanye umntu owaziwayo nothenjiweyo ngumntwana lowo. Yinto embi kakhulu ke leyo emntwaneni ukuba oku kuthembana kophukile ngalendlela. Abantwana kumele bayazi ukuba banaye umntu olukhuselo abanokuya kuye xa bedinga uncedo onokubaphulaphula kwaye abakholelwe.

Abantwana kufuneka bazi ukuba uxhaphazo okanye uhlukumezo yinto eyenzekayo, ngoko:
 

a) Abanakubekwa butyala ngako
 

b) Mabangaziva benokuzisola okanye benetyala ngoko
 

c) Umntu obaxhapazileyo abantwana naye udinga uncedo khona ukuze ayeke ukunxunguphalisa abantwana – kungeso sizathu ukuba kuthethwe phandle ngezizinto!
 

d) Kubalulekile ukuba kuthethwe phandle ukuze uxhaphazo luphele.

 

Ukhumbule ke ukuba umenzi bubi lo idla ngokuba ngumntu umntwana amthandayo okanye amthembileyo, yi loo nto le nyewe kufuneka ithethwe okanye incokolwe ngesihle. Musa ukuba ucaphuke abantwana bekubukele, abakudingayo kuwe kukuba uthozame kwaye wenze lento ifunekayo. Usenokucacisa uzekelise nge ngedle zeziyobisi okanye utywala, abantu abaxhaphaza abantwana badinga uncedo ze babengcono bangabisahlupha abantwana. Kungesisizathu kufuneka kuthethwe ngezizinto.

 

Ukugcina iimfihlelo

Abantu abaxhaphaza abantwana kunye noozithathele besondo basoloko beneqikili lokuba ixhoba lesondo alizokuwadiza amahlebo. Ngenxa yesi sizathu yinto elungileyo elusatsheni ukuba kumiswe umthetho othi “Phantsi ngezinto ezifihlwayo”. Ukuba kungamiselwa lomthetho abantwana besebancinane, abantwana bangonwaba xa bengagcini amahlebo amabi abantu ababenza izinto ezibahluphayo okanye abantu ababa cofa-cofa ngendlela engafanelekanga.
 

Imihla esiphila kuyo yedijithali (digital)

Kwelixesha sikulo ledijithali (digital) kufuneka sikhusele abantwana kubantu abafuna ukubafota ngeenjongo ezitenxileyo. Xa uthetha nabo ngokucofwa-cofwa kunyanzelekile ukuba ugxinisisise ukuba abaxhaphazi banganako nokufuna ukubafota kumalungu abo angasese (nokuba abazamanga ukuwaphatha) kwaye xa ezama ukufota abantwana mabathi HAYI!
 

Cula nam ke ingoma yethu Umzimba Wam Ngumzimba Wam, wonwabe, ushukumise umzimba nathi ukuze oku kongeze ixabiso ebomini bakho. Makudalwe imeko ekhululekileyo apho wonke umntwana anokubuza imibuzo ngesi sihloko.

Itekisi ka Cynthie
Molweni, Igama lam ndingu Cynthie kwaye namhlanje sisokwenza inkqubo ebizwa “Umzimba Wam Ngumzimba

Wam”. Sizakucula iingoma, sonwabe kwaye sifunde ngeendlela zokuhlala sikhuselekile. Ubusazi ukuba, imizimba

yethu ikhethekile kakhulu kwaye akekho umntu onelungelo lokusihlukumeza, okanye aphathe amalungu ethu angasese, okanye enze nantoni na engasenza sizive singakhululekanga ngoba imizimba yethu ikhethekile okwenene. Sizakuqala ingoma yethu yokuqala ke ngoku, kwaye ndifuna uze ucule nam – igama lalengoma ngu “Umzimba Wam Ngumzimba wam”.
 

Umzimba Wam Ngumzimba Wam (Amagama engoma )

CHORUS

Ngumzimbha wam, umzimbha wam 

Kwaye akekho onelungelo lokundihlukumeza 

Ngoba ngumzimbha wam, owenzelwa mna 

 

Ngumzimbha wam, umzimbha wam 

Kwaye akekho onelungelo lokundichukumisa 

Ngoba ngumzimbha wam, owenzelwa mna

 

VERSE 1

Ndinezandla ezimbhini ukuze ndiphathe 

Kuye namehlo amabini ukuze ndibone 

Kunye endlebe ezimbhini zokuva

Ndinawo namalungu angasese endingawabonisi mntu 

 

CHORUS

Ngumzimbha wam, umzimbha wam 

Kwaye akekho onelungelo lokundichukumisa 

Ngoba ngumzimbha wam, owenzelwa mna 

 

Ngumzimbha wam, umzimbha wam 

Kwaye akekho onelungelo lokundichukumisa 

Ngoba ngumzimbha wam, owenzelwa mna

 

VERSE 2

Ndinenweele entloko endifun’uzibone 

Nogqongwana esiphakathini 

Ndinempumlwane entle 

Neenzwane ezilishumi 

Kwaye nomlomo wokuxelela endifun’ukwazi

 

CHORUS

Ngoba ngumzimbha wam, umzimbha wam 

Kwaye akekho onelungelo lokundihlukumeza 

Ngoba ngumzimbha wam, owenzelwa mna 

 

Ngumzimbha wam, umzimbha wam 

Kwaye akekho onelungelo lokundichukumisa 

Ngoba ngumzimbha wam, owenzelwa mna 

 

Ngumzimbha wa, owenzelwa mna! 

Xhosa Children Umzimba Wam


Le nkqubo kunye nezingoma zibhalwe kwaye zanikwa ubomi ngu

Chrissy Sykes © 2017


Sponsor Stichting GetOn​
Translations by : LOYISO GURA
Voice Over and Songs by @ZoyaSpeaks

 

bottom of page